Skip to : [Content] [Navigation]
Verse no Verse Footnotes
1

Umhobe kaDavide; kumbhexeshi-kwayara. Iziyatha zithi akukho Thixo ngandawo. Zonakele, futhi zenza amasikizi; akukho ulungisayo kuzo.

2

Ke yena *uNdikhoyo ubabukele abantu; uhlel' ezulwini efuna ukuqonda ukuba ngaba sikho na isilumko, nditsho ofuna ukunqula uThixo.

3

Kambe ke bonke bemkile, xa bebonke bonakele; kuba akakho olungisayo, nditsho nokuba abe mnye.

4

Abanangqondo na abakhohlakeleyo; abo baxhaphaza amawethu, ngathi batya isonka, bangamnquliyo nokumnqula uNdikhoyo?

5

Baya kunkwantya benkwantyile, kuba uThixo ukunye nâbo bamthobeleyo.

6

Nangona aminxwayo amacebo osizana, nguNdikhoyo olixhadi lalo.

7

Akwaba ingavela eZiyon inkululeko yamaSirayeli, akuba uNdikhoyo eyibuyisile inkqubela yabantu bakhe. AbakwaYakobi baya kugcoba; ewe, ochulumacha amaSirayeli.